Wikipedia xhwiki https://xh.wikipedia.org/wiki/Iphepha_Elingundoqo MediaWiki 1.45.0-wmf.9 first-letter iMedia Mahluko Ingxoxo Ilungu Ingxoxo nelungu Wikipedia Ingxoxo ngeWikipedia Ngokweenkcukacha Ingxoxo ngokweenkcukacha iMediaWiki Ingxoxo ngeMediaWiki iThemplethi Ingxoxo yethemplethi Uncedo Ingxoxo ngoncedo Uluhlu Ingxoxo ngoluhlu TimedText TimedText talk Module Module talk Event Event talk Iphupha leGolide eGoli 0 8804 39503 2025-07-11T11:29:57Z Abulele Jebese 14703 Iphupha legolide eGoli 39503 wikitext text/x-wiki Kudala-dala ngaphambi kokuba kubekho izitalato ezixakekileyo, imigodi enzulu kunye nezixeko eziphakame emafini, indawo namhlanje eyaziwa njenge Goli<ref>https://zu.wikipedia.org/wiki/IGoli_(idolobha)</ref>, yayiyindawo ezolileyo nenentlonipho. Yayigqunywe ngamahlathi atekezelayo, imilambo ihamba ngesingqi esipholileyo kwaye iintaba zazimi ngokuqaqambileyo njengamaqabane omhlaba. Abantu ababefikelele kule ndawo babengazi kwanto ngegolide. Babehlala bexhasa, belima kwaye besebenzisana nendalo njengokuba umoya wezinyanya wawubakhokelela. Isixeko singekabikho, kwakuphilwa njengephupha eliselalini lithule, likhuselekile kwaye lityebile ngobubele nangona kunjalo, eli phupha lalinqunyazisiwe, lalisalinde ukutshona kwelanga ngelixa lilinde abo baza kulivusa. Ecaleni kweentaba zaseGoli. kwakuhlala intombazana encinane egama lingu Zanele, owayehlala nomakhulu wakhe, umakhulu Mkhuseli. UMakhulu wayengumntu onesidima nesixeko esingaphakathi kuye engumlamli phakathi kwabantu, isithethi sezinyanya, nomkhuseli wembali eyayithule ngexesha . UZanele wayelithande kakhulu ilizwe lakhe engazange amshiye umakhulu xa ebalisela amabali asekuqaleni, ebusuku bexhonywe ngasemlilweni, bephakamisela amehlo enyangeni, umakhulu wayehlala ethi:"iGoli mntwan'am, yindawo enamagumbi afihlakeleyo, iphupho lamawethu likhona apha kodwa kufuneka abantwana abangoyikiyo, abathanda abantu nomhlaba balivuse." UZanele wayengaqondi ngokupheleleyo kodwa wayeziva ukuba eli phupha alithetha nje nge Goli kuphela, lithetha naye ngokwakhe. Emva kweminyaka, kwavakala izandi ezingaqhelekanga umsindo osuka emhlabeni, isandi esibetha engqondweni, iintlungu ezingabonakaliyo. Kwathi ngephanyazo, kwavakala uStimela, isitimela esathwala amadoda amaninzi besuka [[eMozambique]]<ref>https://en.wikipedia.org/wiki/Mozambique</ref>, [[eLesotho]]<ref>https://en.wikipedia.org/wiki/Lesotho</ref>, [[eSwaziland]]<ref>https://www.britannica.com/place/Eswatini</ref>, [[EZambia|eZmbia]]<ref>[[EZambia]]</ref>, nase[[Zimbabwe]]<ref>https://en.wikipedia.org/wiki/Zimbabwe</ref>. Babengahambi ngokuzithandela kodwa ngenxa yendlala, iimfazwe kunye nokufuna impilo engcono. "They come to [[Johannesburg]]<ref>https://g.co/kgs/A9LEu1J</ref> to dig deep, deep down in the belly of the earth..<ref>https://www.google.com/search?sa=X&sca_esv=ff452058d59b7f49&biw=1366&bih=581&sxsrf=AE3TifN7gNu3nO6aLR44SGYV9ZTYFMQ2Aw:1752172508695&q=hugh+masekela+coal+train+(stimela)&si=AMgyJEv2kRomQrviob_IymX8xqtXKzeVMIG-eTPqLxD1MgcSlsqdtEyKEpVYftAy0N4TKNMY_zgu6k6omPYq0inl14tLN-86v_b6HnJ1CtKOqXC2JHhRxHaG-cw7i19qTEyhpnSER64p&ved=2ahUKEwjM8dyf97KOAxV3T0EAHWkdJX0QyNoBKAB6BAgWEAA&ictx=1</ref>" IGoli lavuleka lazala zizivakalisi, imigodi, izakhiwo eziphezulu, kunye neminqweno. IGolide yafunyanwa! Kodwa ngexesha abantu besitsho, amadoda awayegoduka ebuthakatha, umphefumlo ungaphakathi emhlabeni, ingqondo yakhe ishiye ikhaya. UZanele wayebona konke oku, umhlaba ulila, abantu balahlekelwa ziintliziyo, kwaye ilizwe lakhe laliphulukana nomphefumlo ngoku wayeqonda amagama ka makhulu. Ngobusuku obuthile, uZanele waphupha esedolophini izibane zikhanya kodwa umphefumlo awukho, kwavela intombazana encinane, emnyama njengomgodi kodwa ikhanya njengenyanga. Yathi kuye "Iphupa lika makhulu ulilibele, iGoli ayisakwazi ukuphila kufuneka uphinde ulilisele." Ekuseni, uZanele akazange alibale waphakamisa ilizwi waqalisa ukubalisa ngembali engabaliseli nje, kodwa ekhumbuza abantu kuba igolide alikho phantsi komhlaba kuphela. Igolide ekwakheni uluntu, ekuhlonipheni indalo, ekuqondeni ukuba ubuntu buxhonywe emthunzini woluntu. Kwavakala kwakhona isandi sika Stimela kodwa ngoku, singemva komculo, singamaphupha abantwana abamnyama befunda ezikolweni besenza umculo, befundisa, bekha ubomi obutsha emhlabeni osele wathuthuzela. Namhlanje xa uhamba eGoli, ungadlula kwisitalato esibizwa ngokuba yi Vilakazi apho imingcwabo yembali ihlala khona, okanye e[[Constitution Hill]]<ref>https://www.constitutionhill.org.za/</ref>, apho ilizwi labantu laliwa ngomoya ungayiva loo mvakalelo. IGoli ayisagcini nje ngokuba sisixeko , sisikhumbuzo, sisilumkiso sokuba amandla asoloko esebhokisini yegolide kodwa aphakathi kwabantu. IGoli ifundisa ukuba iphupha alinakuhlala litywiniwe kufuneka livuswe, lithethwe, libhalwe kwaye lithandwe. <references /> 9atiyxtzrwzui59268gv6rd893agf5l