Wikipedia
xhwiki
https://xh.wikipedia.org/wiki/Iphepha_Elingundoqo
MediaWiki 1.47.0-wmf.7
first-letter
iMedia
Mahluko
Ingxoxo
Ilungu
Ingxoxo nelungu
Wikipedia
Ingxoxo ngeWikipedia
Ngokweenkcukacha
Ingxoxo ngokweenkcukacha
iMediaWiki
Ingxoxo ngeMediaWiki
iThemplethi
Ingxoxo yethemplethi
Uncedo
Ingxoxo ngoncedo
Uluhlu
Ingxoxo ngoluhlu
TimedText
TimedText talk
Module
Module talk
Event
Event talk
Usuku lolutsha
0
9079
40879
2026-06-17T22:18:02Z
KhanyaMaseti
16117
creating new content
40879
wikitext
text/x-wiki
== '''Usuku lolutsha eMzantsi Afrika''' lungomhla weshumi elinesithandathu ngenyanga yeSilimela('''June 16''') ngumhla obaluleke kakhulu njengoko ilusuku lokukhumbula imvelaphi yelizwe uMzantsi. ==
Ngonyaka ka-'''1976''' kwabakho ukuvukela kweSoweto (''iSoweto uprising ngelasemzini),'' apho abafundi abasuka kwiintlanga ngeentlanga babechasene norhulumente wocalucalulo okanye we- '''[https://sahistory.org.za/article/history-apartheid-south-africa Apartheid],''' bahamba beqhankqalaza kwizitalato zaseSoweto ngeenjongo zokulwisana nalo rhulumente wengcinezelo. Olu qhankqalazo lwalujongene nokulwa kokufundiswa kwabafundi abamnyama [[isiNgesi]] kunye [https://www.languagereach.com/the-history-of-afrikaans-in-south-africa/ nesiBhulu]. Ukhumbule kaloku Mlesi ukuba abafundi bazo zonke ezinye iintlanga ngaphandle kwaNgesi namaBhulu, babefunda i'''[https://www.britannica.com/event/Bantu-Education-Act Bantu Education]''' eyayiyimbombo ekuqinisekiseni ukuba aba bafundi bashekela umva kwaye abafundiswa izakhono ezingundoqo,babefundiswa ukuvasa iimpahla kwaye benze imisebenzi yasendlini ngeenjongo zokukhohlisa abantu abamnyama ukuba bazibone bengaphantsi kwabeNgesi kunye namaBhulu. IBantu Education yayiyi nxalenye yocalucalulo ngokohlanga kwaye yasekwa ngonyaka ka-1953 yaze yasetyenziswa ngonyaka ka-1954.
Imibutho yabafundi eyayenziwe emakhusini yayilu xhasa ngakumbi oluqhankqalazo kwaye iphembelela ukubaluleka kokulwa le mpatho igadalala. Kulapho kwavela iBlack Consciousness Movement<ref>{{Cite web|title=Black Consciousness Movement (BCM) {{!}} South African History Online|url=https://sahistory.org.za/article/black-consciousness-movement-bcm|accessdate=2026-06-17|website=sahistory.org.za|language=en}}</ref> kuye ne South African Students Organisation<ref>{{Cite web|date=2012-06-05|title=Saso, mass black organisation committed to liberation|url=https://www.ru.ac.za/vice-chancellor/booksandpublications/otherpublications/blackmanyoureonyourown/articlesandreviews/saso_mass_black_organisation_committed_to_liberation_.html|accessdate=2026-06-17|website=www.ru.ac.za|language=en}}</ref> nezazichasene kakhulu norhulumente wocalucalulo. Amawaka angamashumi amabini (2000) <ref>{{Cite web|title=June 16, 1976: Soweto Uprising|url=https://www.zinnedproject.org/news/tdih/soweto-uprising/|accessdate=2026-06-17|website=Zinn Education Project|language=en-US}}</ref>abafundi aqhankqalaza ngeenjongo zokulwa oku kwaye eqhankqalaza ngokucwangcileyo, bengenabungozi kwaye bengenazo nezikhali. Noxa kunjalo bahlangabezwa ngamapolisa awayexhobe ngakumbi, ayesele evuthulula iimbumbulu, edubula kwanto ephambi kwawo kwaye ekwaphethe neziqhumisi ezitsarhayo, i'''''[https://www.gettyimages.com/photos/police-tear-gas teargas]''''' kwakunye nezinja, ntoleyo eyakhokelela ekufeni kwenginginya yabantu. Ekupheleni kwaloo mini kwakubulewe abafundi abaqikelelwa kwikhulu elinamashumi anesixhenxe anesithandathu '''(176)'''<ref>{{Cite web|title=June 16, 1976: Soweto Uprising|url=https://www.zinnedproject.org/news/tdih/soweto-uprising/|accessdate=2026-06-17|website=Zinn Education Project|language=en-US}}</ref>.
Le mini yabonisa ubuqhawe kunye nokuzimisela kwabafundi ekuzameni ngandlela zonke ukulwa ukubhaliswa kwabo iimviwo ngolwimi lwesiBhulu. Kwadandalaza imifanekiso eyayiquka lowo ka- '''[https://www.britannica.com/biography/Hector-Pieterson Zolile Hector Pieterson]''' owayeneminyaka elula kakhulu elishumi elinesibini '''(12 years)'''<ref>{{Cite news|title=Hector Pieterson {{!}} Story, Photo, Death, Museum, & Facts {{!}} Britannica|language=en|work=Encyclopedia Britannica|url=https://www.britannica.com/biography/Hector-Pieterson|access-date=2026-06-17}}</ref>, owabulawa ngamapolisa engcinezelo kanye kolo qhankqalazo.
[[Ngokweenkcukacha:Halala.jpg|427x427px]]
Xa kunamhlanje, lomhla usabhiyoza lamaqhawe athi ancama ubomi ngenxa yokulwelaa imfundo eyaneleyo kumntu wonke.
7b3v8fuptzg0gerdhk9tgllcbea77gn